SAKHELA
ISIZWE
ISEBE LEZINDLU
ULWAKHIWO LUQALILE!
IINKQUBO ZOLWAKHIWO LWEZINDLU NENKXASO NGEZINDLU YABO BAHLUPHEKILEYO
SIKULUNGELE UKUKUNIKA INDLU UKUBA IKUFANELE
INDLELA YOKUBONA UKUFANELEKA KOMCELI
Ukuze ube ufanelekile kufuneka ube utshatile okanye uhlalisana neqabane lakho. Kufuneka ubenabantu abaxhomekeke kuwe ngokwezimali, njengabantwana bakho okanye ube unomntu omdala wakowenu ohlala naye. Kufuneka ube ungummi waseMzantsi-Afrika okanye ube unemvume esisigxina yobumi baseMzantsi-Afrika. Kufuneka ube neminyaka engama-21 okanye nangaphezulu ube uyakwazi ukuthatha isigqibo/isivumelwano. Umvuzo wakho wenyanga mawube awudluli kuma-R3 500 ngenyanga. Ukongeza koku kungasentla, kufuneka ube awuzange wakha wafumana inkxaso-mali yokuthenga okanye ukwakha indlu kurhulumente, yaye ube ungazange ukhe ubenayo nendlu eyeyakho.
KHAWUZIJONGE UKUBA UFANELEKILE NA UKUBA UFUMANE INKXASO YENDLU
ULUHLU LWENGENISO / LOMRHOLO INKXASO
Abakhubazekileyo, abampilo inkenenkene nabadala, R25 580
ukuba barhola ngaphantsi kweR800 ngenyanga
INDLELA YOKUFAKA ISICELO
Xa ufaka isicelo ucelwa ukuba uze nezi zinto zilandelayo:
Isazisi sakho nesomyeni wakho
Iziqinisekiso zokuzalwa zabantwana
Yiya kwiSebe leziNdlu lePhondo okanye ii-Ofisi zikaMasipala wengingqi yakho ufake khona isicelo sakho.
INKXASO YEZINDLU KWABAKHUBAZEKILEYO
Sibakhathalele abakhubazekileyo.
Esibaphathele kona abo bakhubazekileyo bafanelekileyo:
Abantu abakhubazekileyo abafanelekileyo kule nkxaso bafumana inkxaso yesixa esinokufikelela kuma-R25 580.00, kunye nezinye iimali ezongezelelwa kule ukulungiselela izinto ezizezinye ezinokufuneka kwizindlu zabo ezifana nokulungisa amabala, iindawo ezithambekileyo (endaweni yamanqwanqwa) eziya kwiminyango yabo, iindawo zokubambelela kwizindlu zokuhlambela, iindlela ezilula zokucofa iminyango xa ivulwa kunye namaxilongo asemnyango abonakalayo, kwabo bangevayo.
IINKXASO ZABO BAZIMELEYO/BABODWA
Olu hlobo lwenkxaso luyafumaneka kubantu abazimeleyo abanomdla wokuthenga izindlu esele zikho okanye iindawo zokwakha, ezinxulumene nekontraka yokwakha izindlu eyaziwayo / esebenzayo.
INKXASO YOKUZINZISA
Ukuba uhlala kwindawo elungisiweyo owayithengiselwa ngurhulumente, ufanelekile ukuba ungafumana INKXASO YOKUKUZINZISA, yaye uza kufumana i-R12 521.00 yokwakha isakhiwo esingaphezulu okanye ukwandisa loo ndlu sele unayo kweso siza.
IINKXASO ZAMAZIKO
Olu hlobo lweenkxaso lunikwa iziko lezindlu elinokuba neqela labantu abazimeleyo elithe lafumana ilungelo elisemthethweni lokuzakhela indawo yokuhlalisa abantu ze luyilawule.
Eli ziko lifumana ama-R23 100.00 ngendlu nganye okanye usapho olungenisa ngaphantsi kwama-R3 500.00 ngenyanga.
IMALI-MBOLEKO YEZINDLU ZASEZILALINI (RHLF)
Owona msebenzi we-RHLF kukubolekisa ngemali, isebenzisa abadibanisi / oonozaku-zaku, kubanini-zindlu abamivuzo iphantsi abafuna ukwandisa izindlu zabo. Ulwandiso lwezindlu yinkqubo eqhutywa ngabantu gabalala; yaye owona msebenzi ungundoqo we-RHLF kukuxhobisa amakhaya amivuzo iphantsi asezilalini ukuze afumane imali-mboleko ekwizinga elithile neya kuthi ibancede ekuvuseleleni amandla abo okuzinceda, besonga yaye bekwaphucula izinga lezindlu ezibakhuselayo ngokuya kuhamba amaxesha.
IINKXASO EZINXULUMENE NEEPROJEKTHI
Ezi ke zizindlu ezakhiwa ziikontraki eziqeshwe liphondo okanye umasipala ukuba zilungiselele uninzi lwabantu ukuba lube lolufanelekileyo kwezi nkxaso.
Ubungakanani benkxaso-mali buxhomekeke kwingeniso/umvuzo wakho; iimali ezizezinye eziya kuthi zifuneke ziya kukhutshwa ngumnini-ndlu.
UNCEDO LOKUTHUTHA
Le nkxaso inikwa ababoleki-mali beebhanki abathe ngomhla wama-31 ku-Agasti 1997 babe, ubuncinane, beneenyanga ezintathu bengasawabhatali amatyala abo ebhankini; nabathi ke ngoku bafuna ukuthuthela kwizindlu ezifikelelekayo kubo.
INKQUBO YOKUZAKHELA KWABANTU
Le nkxaso inikwa abantu abafuna ukuzakhela izindlu. Into eyenza yahluke kwiNkxaso eNxulumene neeProjekthi (Project Linked Subsidy), apho iikontraka zakha izindlu zabantu abaninzi, iNkqubo yokuZakhela kwaBantu yona ivumela abantu okanye abo bafumana inkxaso ukuba bokhe okanye baziququzelele ngokwabo ukwakhiwa kwamakhaya abo.
Kule nkqubo, ngabantu abazijongela ngokwabo indlela yokwakhiwa kwezindlu zabo bexhaswa yimibutho yenkxaso. Zikhona iimali ezongezelelweyo zokuhlawula imisetyenzana ehambelana noku kwakha.
URhulumente uqale umthetho wokuba abantu abafumana inkxaso-mali bancedane nokufumana ilungelo lokuxhaswa ngezimali zokwakha. Injongo yoku yayikukuqinisekisa ukuba abo bafumene le nkxaso-mali bathatha inxaxheba kwizigqibo ezimalunga neemfuno zabo zezindlu, ukwakha imeko yokukhulisa ukuqhela ukonga nokuba konke oko kufumaneke ngale nkxaso-mali yezindlu kube nexabiso kubanini-mizi. Ukusuka ngomhla woku-1 ku-Epreli ka-2002, bonke ababefumene inkxaso-mali yezindlu balindeleke ukuba bahlawule imali yokuncedisa kulwakhiwo lwezindlu zabo.
Aba balandelayo abazi kuncedisa:
Abantu abadala, abakhubazekileyo nabampilo inkene-nkene ababefumene le nkxaso-mali, bantu abo bafumana umvuzo ongaphantsi kwama-R800 ngenyanga.
Abo bafumana inkxaso-mali kwiiNkxaso zaseziLalini
Abo bafumana inkxaso-mali kwiNkqubo yokuZakhela kwaBantu evunyiweyo.
Abaxhaswa abafumana izindlu zikarhulumente ngenxa yeemeko ezingxamisekileyo / ezifuna uncedo olukhawulezileyo.
IINKXASO ZASEZILALINI
Le nkxaso ilungene kuphela abo bafumana inkxaso kuba benamalungelo omhlaba abokhe kuwo. Lo mhlaba udla ngokuba sezilalini yaye ngokarhulumente, ulawulwa ziinkokheli zemveli. Iinkxaso-mali zifumaneka ngokohlobo lweeprojekthi kuphela, yaye abo bayifumanayo baxhaswa ngabameli bokwenziwa komsebenzi (impementing agents). Abaxhaswa banalo nabo ilungelo lokuzigqibela ukuba bangayisebenzisa njani inkxaso-mali yabo, mhlawumbi ngokunika iinkonzo, ukwakha izindlu okanye baxube zombini ezi zinto.
INKQUBO YOKUFUMANA ISAPHULELO
Phambili phaya, ngakumbi kwiiLokishi zabaNtsundu ezifana neSoweto, iMamelodi njalo njalo, oorhulumente abagqithileyo babesakha izindlu ezibolekisayo, ezirentwayo ngabantu abahlala kuzo.
Abaxhamli ababehlala kwezi zindlu, berenta, phambi komhla we-15 kuMatshi ka-1991 banokufaka izicelo zesaphulelo kumaxabiso ezithengiswa ngawo izindlu zabo, saphulelo eso sinokufika kuma-R7 500.00
Kwiimeko ezininzi, ezi zindlu zinikwa abantu ngaphandle kwemali / bengazihlawulelanga ngenxa yokuba esi saphulelo sama-R7 500.00 singaphezu kwexabiso ethengiswa ngalo indlu leyo.
IMIGAQO NOMGANGATHO WOPHUHLISO LWEZINDLU OLUZINZILEYO
NgokoMthetho weZindlu, uMphathiswa wezeZindlu uqale imigaqo nomgangatho wezindlu.
Imali engekho ngaphezu kwama-R10 579,00 eyiyeyona nkxaso iphakamileyo, inokukhutshwa xa kuye kwafuneka usetyenziso lobuchwepheshe lobunjineli obukwizinga eliphantsi.
Imali eseleyo engama-R12 521,00 kufuneka isetyenziswe kwisakhiwo esiphezulu, apho ubuncinane kufuneka sibe zii-30m2 zendawo ethathwe ngumgangatho (floor) xa uwonke.
Abaxhaswa abafuna ukufumana izindlu ezakhiwe ziikontraka kufuneka baqale ngokuhlawula imali yokuncedisa engama-R2 479,00.
Ubukho bezindlu zangasese, iindawo zokuhamba kwamanzi edreyini (stormwater-drainage) yinto enyanzelekileyo.
Abaxhaswa abazimisele ukuthatha inxaxheba ekwakhiweni kwezindlu zabo ngeNkqubo yokuZakhela kwaBantu, abazi kuhlawula mali yakuncedisa kulwakhiwo olo.
Ngaba abancedisi bethu kulwakhiwo lwezindlu benza ntoni?
ISIGUNYAZISO
ISIGUNYAZISO
Ukujongana nokukhutshwa kwenkxaso-mali yokuthutha, njengendlela yokuzinzisa imeko yokuhlala kwabantu ezindlwini zabo. Le yinkampani elubambiswano phakathi kweebhanki norhulumente apho kuqinisekiswa ngokukhutshwa kwenkxaso-mali yokuthutha njengenxalenye yendlela yokuzinzisa imeko yokuhlala kwabantu ezindlwini.
ISIGUNYAZISO
Ukuzisa okanye ukwakha izindlu ezifanelekileyo ngeenjongo zokuzenza zilingane umgatho ofanelekileyo.
i-Servon iya kuqhuba nokunika iThubelitsha iinkcukacha ezizeleyo malunga nabanini-zindlu abasayine izivumelwano zokulinganiswa (rightsizing) kwezindlu zabo. Ezi nkcukacha ziya kufaniswa / kujongisiswa yiThubelitsha, ze zihlolwe ngokubhekiselele kwiimpawu zokuma kwendawo nokukwazi ukumelana neendleko kumnini-ndlu ukuze kuqondwe inani, indlela kunye nokubekwa kwezinto zendlu ezifunekayo.
ISIGUNYAZISO
Isigunyaziso seNurcha sesokuba bancedisane nokungena kwezimali eziphuma kumaziko emali ukuza kulwakhiwo lwezindlu ezingabizi kakhulu. Ukuza kuthi ga ngoku, iNurcha ikhupha iziqinisekiso zokuba ngumnxibelelanisi phakathi komnini-mzi nombolekisi ngemali. Ikwalawula inkqubo yoKonga yeZindlu.
ISIGUNYAZISO
Ukuphuhlisa ngokubanzi nokwakha unxibelelwano phakathi kwamaziko okwakha izindlu zasekuhlaleni.
Ukukhuthaza ukufunwa kwentsebenziswano apha elizweni nakumazwe angaphandle, ngokudibanisa abantu abafanelekileyo kwiimeko ezohlukeneyo, ukukhulisa utshintshiselwano ngolwazi nezakhono, kananjalo nentsebenziswano.
ISIGUNYAZISO
Ii-NHBRC zigunyaziswe ukuba zimele iimfuno zabathengi bezindlu ngokuthi zize nesiqinisekiso sokhuseleko kwiingxaki ezithi zivele kumakhaya amatsha kwanokuza nokhuseleko lwabathengi-zindlu xa abakhi bengaphumeleli ukuthobela izivumelwano zabo ezihambelana noMthetho.
UMBONO
Ilizwe elihlala kwindawo ezinezindlu ezinozinzo nokhuseleko.
Ukwakha nokuncedisa kwinkqubo ezinzileyo eya kuthi ize nokuvumeleka okulinganayo kwizindlu ezanele wonke umntu.
ISebe lezeziNdlu
